Umhlobo Wenene FM 88-106FM

UMHLOBO WENZE UHLENGAHLENGISO KWIINKQUBO
Philipa Marindagomo
April 1, 2025

Unyakamali-omtsha uqalile eSABC, into ethetha ukuba seyilixesha leenguqu kwiinkqubo ezithile zikanomathotholo.

UMphathi woMhlobo Wenene FM ne-trufm, uLoyiso Bala, naye wenze uhlengahlengiso kwiinkqubo ezithile zoMhlobo Wenene FM. UBala uthi oku bakwenze emva kokuphulaphula ilizwi, iinkxalabo neembono zabaphulaphuli boMhlobo Wenene FM.

“Ezi nguqu yinxalenye yeenzame zethu eziqhubayo zokuhlonipha umqela wethu, ukukhulisa inani labaphulaphuli bethu nokugcina Umhlobo Wenene FM ungungqa phambili kusasazo olungenantanga,” kutsho uBala.

Umhlobo uqeshe ngokusesikweni uMzwandile Ntshona njengombhexeshi omtsha wenkqubo yasekuseni ethi Beka Ithemba Lakho Kuye ephakathi kwentsimbi yesithathu neyesihlanu ekuseni, ngoMvulo ukuya ngoLwesine. UMfundis’ uNtshona ungena kwindawo eshiywe ngongasekhoyo uMfundis’ uNomonde Vakalisa, osweleke ngoDisemba kunyaka ophelileyo.

UBala uphinde wabhengeza utshintshwana kwiDrive Enochatha. ULuks Gidane usengumbhexeshi wale nkqubo iphumelele iimbasa eziliqela, kodwa ngoku uZintle Mbusi ubuyela emoyeni njengombhexeshi okhapha uLuks, uPhethu Soga abe ngumqulunqi, ze uThando Gqamane aqhube kwidesika yezemidlalo. Le nkqubo ingoMvulo ukuya ngoLwesihlanu phakathi kwentsimbi yesithathu neyesithandathu emva kwemini.

Ezinye zeenkqubo zaphakathi evekini ezifana noMxholo kuMhlobo, BEE, Khanyisa Kukhanye Mhlobo aziphathwanga.

Olunye utshintsho olwenziweyo kukususwa kukaSlyso Saliso emoyeni. Ngoku eli gqala lomsasazi liza kuzibandakanya ne-123 Pholaz njengomqulunqi – inkqubo esasazwa nguAmaza Ntshanga noLusanda Mbane. 

Inkqubo iAfro Cafe noLinda Nzuzo ngoku iza kudlala ngoMvulo, inkqubo Emfuleni woThando noXolo noTsidi Monteiro, ibe ngoLwesibini nangoLwesithathu ngentsimbi yesithoba ukuya kweyeshumi elinambini ebusuku.

Inkqubo ethi Jaiva Mzansi noYarees Mabokela, ngoku iza kuqala ngentsimbi yesibhozo de kube ngeyeshumi elinesibini ezinzulwini zobusuku ngoLwesihlanu, kulandele uMasonwabe noOnke Sotshongaye de ibe yintsimbi yesibini ekuseni, uKeke Mthathi angene noKuze Kuse ngentsimbi yesibini de ibe yeyesihlanu ekuseni.

NgoMgqibelo, kukho utshintsho lwamaxesha olwenziweyo. Inkqubo yabantwana ethi Masithethe Mtshana noAsakhe Ngxonono kwakunye noLiyema Vumisa, ngoku ifudukele kusasa ngentsimbi yesixhenxe de ibe yeyesibhozo, alandele uLuckeez Matyolweni neTop 20 phakathi kweyesibhozo neyeshumi.

Ukanti ngoku inkqubo ephumelele iimbasa, uLavuth’ibhayi noGudla Bangi ubuyela kwixesha lakhe lakudala lentsimbi yeshumi ukuya kuthi xhaxhe kweyokuqala. Imbadla 6-9 noReggie Solani ngoMgqibelo, iya kuqala ngentsimbi yesithandathu de ibe yeyesithoba ebusuku. Alandele uYarees phakathi kwentsimbi yesithoba neyeshumi elinambini noJaiva Mzantsi.

NgeCawa, Isandulela seNkonzo siza kube sibhexeshwa nguMfundis’ uKeketso Bloem phakathi kwentsimbi yesibhozo neyesithoba kusasa. Ukanti ezinye zeenkqubo zangeCawa azitshintshwanga.

Related News
GBV

GENDER- BASED VIOENCE IS DESTROYING LIVES AND TEARING COMMUNITIES

January 7, 2026
Eziko noNcuthu loMculo weJazz

MEDIA STATEMENT UMHLOBO WENENE FM SERVES JAZZ & FLAVOUR

February 15, 2026
UMHLOBO WENENE FM CELEBRATES W...

Gqeberha, Thursday 12 February 2026 [MN1] [CM2] – As

February 15, 2026
Impolo Yabahlobo 2025

Impolo Yabahlobo Family Day returns to East London for its

July 24, 2025
Ungaphazami ngo-9 ebusuku

Ungaphazami ngo-9 ebusuku! Mphulaphuli, ungaphazami ngentsimbi yesithoba ebusuku nanjengoko

April 7, 2025
Inkqubo yebhrakfesi yoMhlobo W...

Inkqubo yebhrakfesi yoMhlobo Wenene FM, iBreakfast Eyondlayo Ekuseni (BEE)

April 4, 2024
Stream Ready