Thetha okona kubalulekileyo, logama besakwazi ukuva. Yobelana ngomyalezo omnandi uphumelele R5000 eza kuwe nenye i R5000 eya kulowo umthandayo!
Amaxesha amaninzi, amazwi amnandi ngomntu siwabekela iimini zomngcwabo. Athethwa kuphela umntu sele elandulele eli. Kodwa abantu esibathandayo kufuneka bawave lamazwi ngoku besadla amazimba. Kuleveki ku Mhlobo Wenene FM, i Standard Bank sikunika ithuba lokuyitshintsha lonto.
Thumela umyalezo othetha kamnandi kumntu omxabise kakhulu , ungathumela nge voice note okanye ingangumyalezo wothando, wombulelo nowokumbonisa indlela omxabise ngayo. Ungenela ngoluhlobo: WhatsApp-a igama u “funeral” ku 066 050 6830, utsho wobelane ngomyalezo wakho omnandi. Oko kuthi kukufake kwi dro yokuphumelela i R5000 ngamazwi nje wakho, nenye i R5000 ezakuya kulomntu ufanele kukuwongwa.
Ukanti xa ufumana i-quote yasimahla, engenambophelelo ye Flexible Funeral Plan yase Standard Bank, imali yakho izakuphindwaphindwa kabini ibe yi R10 000. Kuba kaloku ithi into, uthando olunje akufuneki lulinde amaxesha okugqibela okuvalelisa. Kwaye xa ngaba usapho lwakho lukhulu kakhulu kunezicwangciso ezincinci, umanqanqa wase Mzantsi Afrika we funeral plan uqhayisa ngokuhambelana nobomi bakho, faka amalungu osapho angaqingqwanga nge R100 000* emnye kubo, ze uhlengahlengise izinto ngokutshintsha kobomi. Ungalindi ukuthetha kamnandi ngosenyongweni, khahleka umwonge lowo umthandayo namhlanje.
i-Standard Bank Insurance Brokers (Pty) Ltd, yi FSP 224 egunyazisiweyo. Imveliso ibhaliswe ngaphantsi kwe Liberty Group, umniki inshorensi obhaliswe ngokusemthethweni. Kukho imiqathango, umgcipheko kubekwe nemida.
Kukho imimiselo nemiqathango