MEDIA STATEMENT (ISIXHOSA & ENGLISH VERSION)
UMHLOBO WENENE WENZA IINGUQU KULUHLU LWEENKQUBO
Gqeberha -Lwesithathu, 15 March 2023- - Kuluvuyo ukwazisa ukuba Umhlobo Wenene FM wenza iinguqu kwiinkqubo zawo, ukususela ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi 2023. Olu tshintsho luquka ukwamkela iqela elitsha nelizinikeleyo kwezobuxhakaxhaka bala maxesha eliza kuvelisa iinkqubo-zandi eziza kuphucula imbonakalo yesikhululo kuwo onke amaqonga onxibelelwano, kananjalo negqiza eliza kuvelisa kwakhona iinkqubo-mbaliso zanyanga nanyanga.
Ngelixa iinkqubo zaphakathi evekini ukuqala ngeyesiThandathu ekuseni ukuya kweyesiThandathu ngorhatya zingazokutshintsha, isikhululo sichwayitile ukwamkela uLusanda Mbane njengomnye wababhexeshi be nkqubo -123 Pholaz noAmaza Ntshanga. ULusanda uzibandakanye nesi sikhululo ukususela ku-Tshazimpuzi ka2022 njengomnye wabasasazi benkqubo uVuka Mzantsi.
Okunye okuye kongezwa kwiinkqubo zangoMvulo ukuya ngolwesiHlanu kubandakanya inkqubo Ufundo Lwencwadi, oluza kuba ngoMvulo ukuya ngoLwesine ngentsimbi ye22h00, kwakunye nenkqubo Inkolo ye-Islam, eza kufuduka ngeCawa isiya ngolwesiHlanu nge 04:30 ukuze ingqamane nosuku lokuhlangana kwabaphulaphuli bethu benkolo ye-Islam.
Indumasi yenkqubo kaMaskandi nebhexeshwa ngu Gudl’abatshakazi Bangi, uLavuth’ ibhayi, ngoku izakuba yinkqubo yebhrakfesi ngemiGqibelo phakathi kwentsimbi yesi 07h00 neye 10h00 kusasa. Ukanti i-UWFM Top 20 ngoku iza kuqala ngentsimbi ye 11h00 ukuya ngentsimbi -13h00 emini, ilandelwe yinkqubo entsha ethi 'Ezezolo,' neza kugxila kwiingoma zamandulo yona izakubhexeshwa nguElvis Mali.
Ukugcina iqhinga lesi sikhululo lokuqinisekisa ukuthungelana kweenkqubo, uNcuthu loMculo weJazz noDumza Maswana, ngoku liza kulandela Eziyolisayo ukuqala ngo13h00. Iikwayala Eziphambili, ezibhexeshwa nguThembela Booi, ngoku ziza kuya ku-22h00 ebusuku, zilandelwe yiMvuselelo.
Esi sikhululo sichulumancile ukwamkela uSisa Maxakana, ongumsasazi kanomathotholo ophume izandla, oza kwenza Ezolimo ngoMgqibelo ngo-04h30 ukuya ngo 05h00. U-Okuhle Kezile, umbhexeshi nomhlalutyi wezemidlalo, uza kuzibandakanya noLavuth' iBhayi njengomsasazi wezemidlalo. Ukongeza, uMfundisi Akhona Gxamza uza kuzibandakanya neNkolo Nengqiqo njengomnye wabanegalelo kuyo, neza kuqala ngo-05h00 ngeCawa.
UManejala weziKhululo zeSABC eMpuma Koloni, uMnu. Loyiso Bala uphawule wathi ngezi nguqu, “Esi sikhululo siyazingca ngokuza netalente ephum’ izandla nentlobontlobo, ngokuhambelana nabaphulaphuli abohlukeneyo besi sikhululo. Siqinisekile ukuba olu luhlu lweenkqubo luza kubethelela indawo yethu njengesinye sezikhululo ezihamba phambili eMzantsi Afrika, kwaye sigcine isithembiso sethu sokubonakalisa ubuhlobo benene nobuhlobo obunzulu nabaphulaphuli bethu. Unomhlobo Mhlobo.”
Ends
Issued By: Group Communications
Media Enquiries: Mmoni Seapolelo (Acting Group Executive: Corporate Affairs & Marketing)
Seapolelomv@sabc.co.za | T. 011 714 3057 | C. 073 688 1590
English version:
MEDIA STATEMENT
UMHLOBO WENENE FM MAKES COSMETIC CHANGES TO LINE UP
Gqeberha -Wednesday, 15 March 2023- - Umhlobo Wenene FM is pleased to announce few changes to its current line-up, effective 1 April 2023. These changes include welcoming a dedicated digital team that will produce audio-visual content to improve the station's visibility on all digital platforms, as well as a content team that will re-introduce thematic monthly documentaries.
While the 6-6 weekday line-up remains unchanged, the station is excited to welcome Lusanda Mbane as a co-presenter on 123 Pholaz with Amaza Ntshanga. Lusanda has been with the station since April 2022 as the weekend breakfast show co-host for Vuka Mzantsi.
Other notable additions to the Monday to Friday programming include the extension of Ufundo Lwencwadi (book reading), which will now broadcast from Monday to Thursday at 22h00, and Inkolo ye Islam, which will now move from its early Sunday morning slot to Friday 04h30 to coincide with the day of gathering for the Muslim listeners.
Gudla Bangi's popular Maskandi show, Lavuth' iBhayi, will serve as the station's Saturday breakfast show from 07h00-10h00. UWFM Top 20 will now broadcast from 11h00 to 13h00, followed by a new show called 'Ezezolo,' which will focus on classic hits and will be hosted by Elvis Mali.
In keeping with the station's strategy of ensuring a smooth transition between shows, uNcuthu lomculo weJazz, hosted by Dumza Maswana, will now follow Eziyolisayo and begin at 13h00. Iikwayala eziphambili, hosted by Thembela Booi, will now start at 22h00, following Imvuselelo.
The station is pleased to welcome Sisa Maxakana, a seasoned radio presenter , who will host Ezolimo on Saturdays from 04h30 - 05h00. Okuhle Kezile, a sports anchor and commentator , will join Lavuth' iBhayi as the sports presenter. In addition, Reverend Akhona Gxamza will join Inkolo Nengqiqo, which will now begin at 05h00 on Sundays, as a permanent contributor.
Eastern Cape Combo Business Manager, Mr Loyiso Bala stated, “The station takes pride in attracting seasoned and versatile talent who complement the station's diverse audience. We are certain that this line-up will cement our place as one of South Africa's top radio stations and express our promise that we radiate a sense of genuine, deep friendship with our listeners. Unomhlobo Mhlobo.”
Ends
Issued By: Group Communications
Media Enquiries: Mmoni Seapolelo (Acting Group Executive: Corporate Affairs & Marketing)
Seapolelomv@sabc.co.za | T. 011 714 3057 | C. 073 688 1590