Noticeboard

UWFM usiphathele abasasazi batsha

Date: May 18, 2018

UMhlobo Wenene FM usiphathele abasasazi batsha

 

PRESS RELEASE

 

 

FOR IMMEDIATE RELEASE

 

 

UMhlobo Wenene FM usiphathele abasasazi batsha

 

Nanjengokuba isikhululo sikhula kubalulekile ukuba kubekho ungezelelo lwabasasazi. Mandulo phaya esi isikhululo siphume emagqabini siphumelela nembasa ngenxa yokusoloko sinzondelele ukusigcina sisematheni kuba phulaphuli. Yiyo nalento sihleli kwizigidi eziyi- 5,5. 

Ngomhla we-17 kwinyanga kaMeyi 2018, isikhululo sazise utshintsho nabasasazi abatsha abazakuthi babhexeshe inxalenye yeenkqubo zesi sikhululo ukubheka phambili. uMama uNoxolo Speelman uzakuncedisana noMama uVuza kwinkqubo ethi, “Lelika Yehova Ihlabathi nenzaliseko yalo” esasazwa ngoLwezine phakathi kwentsimbi yethoba ukuyokutsho kwintsimbi yeshumi elinambini.

uMama uSpeelman kudala esebenzisana nesikhululo nanjengokuba ebeqhele ukuhlomla ngokunikeza uluvo lwakhe kwimiba yezontlalontle eluntwini kwiinkqubo zoMhlobo Wenene FM. Eli nina, kwicala le mfundo linesidanga kwicandelo loo Noontlalontle kwakunye nezatifiketi ezahlukileyo kwintetho-ntuthuzelo. Okwangoku, usasaza kunye noMama uVuza niyakuphinda nive inkqubela-phambili.

Ityendyana, uSilulami Bunu uzakube ebhexesha inkqubo, “uJaiva Mzantsi” rhoqo ngoLwezihlanu ukuyokutsho kuMgqibelo phakathi kwentsimbi yeshumi ukuyokutsho kwintsimbi yokuqala ekuseni. uSilulami  yinzalelwano yaseMdantsane kulapho aziwa njengo, “Slujah”. Yimvumi eneendlebe ezibukhali nekwaziyo ukuwuva umculo omnandi. Ebekhe wanenyweba yokuba kubaliswe ngaye kwimagazini, “SlikourOnLife” netshotsha entla kumculo we-Hip Hop. uSilulami ebekwanguye nomsasazi wenkqubo yakusasa eMdantsane FM. Uzibonakalisile izakhono zakhe, zinabile kuba ukwafumaneka nakwibali eliyindumasi loMhlobo Wenene FM elithi, “Ithini  Na Lento?”. Eli tyendyana lizakuqala ukusasaza kulo uLwesihlanu.

Isikhululo silandisile ixesha lenkqubo ethi, “Ibuzwa Kwabaphambili”. Ngoku izakuqala ngecala emva kwentsimbi yesine ukuya kwintsimbi yesithandathu ekuseni. Le nkqubo nayo inomsasazi omtsha ozakuncedisana noGqirha uMndende, uSiyamthanda Ntshweza. uSiyamthanda ngumnt’ omtsha okhulele eZibeleni, eKomani. Wenze umsebenzi onzulu nophangaleleyo kwinkolo yakwaNtu. Lo mfo ukwanayo nemfundo enomsila kwi-Microbiology kwaye unomdla wokufundisa abantu abatsha ukuba bathabathe umdla kwinkolo yakwaNtu ezakuthi incedisane nempilo yabo.

Okokugqibela, sinalo igqiyazana elize ngobuso ezweni u-Asakhe Ngxonono ozakubhexesha, “Izimvo Zabantwana” rhoqo ngeMigqibelo ngentsimbi yesithoba ukuyokutsho kwicala emveni kwayo. Yinzalelwano yalapha eBhayi kwaye ungumfundi webanga lesibhozo. Eli Gqiyazana lizimisele ekusebenzeni nzima ukuze lizenzele igama kwiziko losasazo.

 

Ngenkcukacha ezithe vetshe ungabhalela ku -: ngandifb@sabc.co.za

Okanye utsalele umnxeba ku :Tel: 041 391 1103

 

 

Comments

comments powered by Disqus

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...

ADVERTISEMENT

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...
Complementary Content
CLOSE

Your Name:*

Your Email:*

Your Message:*

Enter Captcha:*