Noticeboard

Impolo Yabahlobo

Date: May 11, 2023

Family Day

Yiba yinxalelnye yemibhiyozo yokugqiba iminyaka eyi 63 yobuhlobo xa sizakube sikuphathele impolo yabahlobo eBuffalo Park Cricket Stadium, eMonti ngoMgqibelo umhla we 27 ku May. Ingcango zivulwa ngentsimbi yesithoba kusasa de ibe yintsimbi yesixhengxe ngorhatya. Leqa eTicketpro naku Spar okufuphi  uzifumanele elakho itikiti kunye nele cooler box ukuze ungaphoswa  ngu Vusi Nova, Ntando, Ayanda Jiya, Thela,  amaqhula kunye neembongi.

Olu suku lukhulu ka ngaka loMhlobo Wenene FM luzakube lubhexeshwa ngabasasazi bakho obathandayo. Olu suku luvuleleke kusapho lonke,Itikiti esandleni sidibane khona.

Izixhobo neebhotile ezophukayo azifumelekanga.

Indawo Zokutya

Ungusomashishini onomdla wokuthengisa kwimpolo yabahlobo? Ngemali engange R2, 500 kuphela ungakwazi ukuthengisa

·       Ukutya - Iziselo - I – ice cream

Indawo yakho yokuthengisa mayibe kanti iyayithobela le miqathango ilandelayo:

·       Ibene Certificate of Acceptability

·       Fire Extinguisher

·       Fire Blanket (kwabo bazakube besebenzisa I deep fryers)

Ukuba indawo yakho yokuthengisela ayiyithobeli le miqathango ingentla ungasifaki isicelo.

Ukuze uzifumanele indawo qhagamshelana no Bongani ku 076 392 9737 okanye udownload(e) le-form cofa apha.

Izicelo zivala ngoLwesine umhla we 18 ku May

#ImpoloYabahlobo #UnomhloboMhlobo

 

 

 

 

Comments

comments powered by Disqus

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...

ADVERTISEMENT

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...
Complementary Content
CLOSE

Your Name:*

Your Email:*

Your Message:*

Enter Captcha:*