Noticeboard

Albert Luthuli

Date: Dec 13, 2019

Imbali ngobomi buka Nkosi Albert John Mvumbi Luthuli

Imbali ngobomi buka Nkosi Albert John Mvumbi Luthuli

UNkosi Albert John Mvumbi Luthuli waazalwa ngonyaka ka 1898 ezalelwa kumhlaba wakuBulawayo kwibandla iSeventh Day Adventist. NgumAfrika wokuqala ukuwongwa ngembasa yeNobel yoxolo ngonyaka ka 1960. Utata wakhe waalandulela eli esiyimveku, wathi xa eneshumi leminyaka unina wamthumela kokwabo kwilali yaseGroutville eNatal.

Ekugqibeni kwakhe izifundo zakhe zokuhlohla eDendale nganeno kwePietermaritzburg wathatha isikhundla sokuba yinqununu yesikolo samabanga aphantsi kumantla eNatal. Uthe ukuqalisa kwakhe ukuzimisela kakhulu ngenkolo yakhe wafungiswa njengomshumayeli kwibandla lama Wisile. IBhayibhile nemithetho yobuKhrestu zibenefuthe kakhulu kwikhondo lakhe lezopolitiko, loo nto ibonakale kubomi bakhe bonke.

Ngonyaka ka 1920 wafumana inkxaso mali karhulumente yokufundela ukuba ngutitshala wemfundo ephakamileyo kwikholeji i-Adams. Ngaxesha nye wazimanya nale kholeji wangena njengomnye wabahlohli ekunye no Z.K. Mathews owayeyintloko yamabanga aphakamileyo kule Kholeji. Lo ka Luthuli uphinde wawongwa ngenkxaso mali yokufunda kwiDyunivesithi iFort Hare kodwa wayala loo nkxaso mali, wakhetha ukuhlala enguMhlohli enethemba lokuba imali engangekhulu leerandi elinamashumi amathandathu anethoba neesenti ezingamashumi asibhozo anesihlanu  (R169.85) izakunceda ukondla unina owayesele eguga.  

Uye wakhula kakhulu kwezopolitiko eququzelela neentshukumo zoqhankqalazo ekwangumxolelanisi nabantu abamhlophe.

ULuthuli waba nguNobhala nenkokheli yeqela lebhola ekhatywayo kwiKholeji i-Adams elalisaziwa njenge Shooting Stars. Impumelelo yakhe ekuphuhliseni ezemidlalo njengenqwelo yokuzigcina usempilweni yabaliphulo elinwenwela kwiNatal neTransvaal. Uninzi lwabadlali ababefunda kule kholeji baqhubekeka nemidlalo bade bafikelela kwinqanaba lokudlalela la maphondo mabini bekwangabalawuli bebhodi.

Kwabakho ukungavisisani phakathi kuka Luthuli nabakwa Mabalane ngamasiko nezithethe zabo, loo mbambano yabangela iyantlukwano ngenxa yendlela ababona ngayo ngenkcubeko. Uthe xa ephakathi kwinkolo yaseNtshona wakhwetyelwa kwilali yakhe iGroutville apho zikhoyo iingcambu zakhe ayokuthabatha isikhundla sobukhosi. Uqale watshitshiliza kodwa emva kokufakwa uxinizelelo  oluvela kwiinkonde zakokwabo wabamnkela ubukhosi ngonyaka ka 1935, waze wabuyela  ekhayeni njengoMabhalane wemicimbi yekhaya.  Uchithe iminyaka elishumi elinesixhengxe esombulula ukungavisisani phakathi kwabantu bakhe eququzelela nabalimi beswekile e-Afrika ukukhusela  iimfuno zabo.

Kungelithuba kanye kwimbali yoMzantsi Afrika kugquba ukuhluthwa kwemihlaba ngokungenalusini, amaAfrika esala ngemihlaba yawo ezama amaqhinga okuzikhusela.

Ebesele esetyenziwa ngamandla kwezopolitiko ngenxa yokubalasela kwakhe kwisikhundla sobukhosi. Uthe akubona ukuba ubulungu be ANC buyehla eNatal ngenxa yokugula nokubhubha kuka Jonh L Dube ngonyaka ka 1946 wazibandakanya kakhulu ekukhuliseni lo mbutho.  Uqale kwipolitiki kazwe - lonke ngokubetha uSelby Msimang kunyulo lovalo zikhwewu kwi Natives Representative Council (NRC). Lo ka Luthuli wabuyiselwa ngaphandle kokuphikiswa kwibhodi elawulayo ngonyaka ka 1948. Ekutsheni konyaka ka 1951 wanyukela kwinqanaba elingentla likazwe lonke ebetha u AWG Champion kwisikhundla sokuba ngumongameli we ANC eNatal ngenxa yenkxaso awayeyifumana kumbutho wolutsha lwe ANC eNatal no Jordan Ngubane kwi Nkundla yaBantu.  

Inkxaso yakhe echasene norhulumente yaabangela ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwakhe norhulumente woMzantsi Afrika ngonyaka ka 1952. Uthe xa esala ukulahla esikhundleni sakhe njengoMongameli we ANC waguzulwa kwisikhundla sakhe sobuKhosi kwinyanga yeNkanga ngonyaka 1952 njalo.

Kwimpendulo yakhe emva kokuguzulwa kwakhe kwesi sikhundla sobuKhosi eGroutville, uLuthuli waakhupha imbalelwano ethi “Inkululeko Isemnqamlezweni,” le mbalelwano yaaba yindumasi egxile kwinkolo yakhe ngemithetho echasene nobundlobongela obabugquba ngexesha lokucinezelwa kwabantu abantsudu ngabebala.   

Ngethuba lokuchasana norhulumente uNkosi Luthuli waazinikela kakhulu ekuququzeleleni abagqatswa,  ngakumbi kwimimandla efana noo East Rand ekunye no Oliver Tambo. Uthethe kuthotho lwemihlangano kwimisitho ngemisitho. Oku kuzibandakanya kwakhe kwiintlanganiso ezininzi ezahlukeneyo kwaamkhokelela ekubeni yinkokheli yemibutho yabasebenzi yengingqi nalapho ligqame khona igama lakhe njengenkokheli kazwe lonke.

Kwinyanga yoMnga ngonyaka ka 1952 uNkosi Luthuli woonyulwa njengomongameli jikelele we ANC sisininzi. Waaphinda kwakhona wonyulelwa kwesi sikhundla ukusukela ngonyaka ka 1955 no 1958.

Waavalelwa kwinyanga yoMnga kunyaka ka 1956, ngenxa yokungcatsha umbuso waphinda wakhululwa namanye amabanjwa angamashumi amathandathu ekupheleni konyaka ka 1957 emva kokuxoxa.

uNkosi Luthuli wayeyeyona nkokheli yaziwayo nehlonitshiweyo ngexesha lakhe. Uxhuzule imikhala njengomongameli we ANC ukusukela ngonyaka ka 1952 eneminyaka engamashumi amahlanu anesine de wasutywa kukufa ngonyaka ka 1967.

Comments

comments powered by Disqus

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...

ADVERTISEMENT

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...
Complementary Content
CLOSE

Your Name:*

Your Email:*

Your Message:*

Enter Captcha:*