Competition

Nivea

Closed on: 18 Dec 2020

Nivea Sun Care Challenge

Wonk`umntu uyalithanda ilanga , kodwa sonke siyayazi ukuba imitha yelanga inganobungozi kulusu lwethu xa sihlala siselangeni ixesha elide. Yiyo lonto kufuneka ukhusele ulusu lwakho  ngolona khuseleko lugqwesileyo i - Nivea Sun. Uluhlu lwe Nivea Sun lwenzelwe zonke iindidi zolusu kwaye lukunika ukhuseleko olugqibeleleyo ukwenzela ukuba wonwabele ixesha lakho elangeni ngokukhuselekileyo.  

 

Ngenela i Nivea Sun Care Challenge no Zintle eno Luyanda. inganguwe owonwabela ilanga lasehlotyeni ngochatha we R5,000 nehempa ye Nivea Sun. qinisekisa ukuba uphulaphula kwiingcebiso za qho zononophelo lolusu elangeni  u SMS-e ‘Nivea’ ku 45858 ukungenela, inganguwe otsalelwa ngu Zintle ukuze uthabathe inxaxheba kwi  Nivea Sun Care Challenge. Kuzakudlala babe babini ngemini kwaye lowo uthe waphendula imibuzo emininzi ngokuchanekileyo, uyaphumelela, ngoko lixesha lokuba uvuselele ulwazi lwakho ngononophelo lolusu.

 

  1. Iimpawu ezintlanu zokutshiswa lilanga zingaphindaphinda ubungozi bomhlaza wolusu obizwa i-melanoma (skin cancer), kungakhathaliseki nokuba ulusu lwakho lunabala luni.
  2. I UV radiation ngokwamakhumsha ayivakali ubushushu bayo  kulusu , yiyo lonto ingayingozi kuba asiyiva
  3. I UV radiation itsho ngamandla ukususela ngo 10 kusasa ukuya kutsho ngo 3 ngenjikalanga.
  4. I UV radiation ibonakala kwisamente, emanzini, esantini , kwiglasi  nasengceni , kungoko ingenza ulusu lutshe nokuba lusemthunzini
  5. Phindaphinda ukuthambisa i sunscreen (nokuba kusemva kweyure ezimbini) emva kokosula ngetaw`li, kokubila okanye emva kokuqubha.
  6. Ii Sunscreens kungoku zinamanqanaba e- sun protection factor (I -SPF), ngumlinganiselo wase lab lowo ojonga amandla okunqanda imitha yelanga enobungozi .
  7. Thambisa I sunscreen kwisiqingatha seyure phambi kokuba uphume phandle elangeni.
  8. Ulusu lwabantwana lucekeceki kunolo lwabantu abadala , ngoko kufuneka basebenzise u factor 50/SPF50 ukukhusela ilanga
  9. Qinisekisa ukuba uphinda uthambise i sunscreen emva kokuba ubilile, emva kokuqubha nasemva kokosula ngetaw`li .
  10. Imitha ye UVA ihlala ikhona unyaka wonke, ayitshisi ulusu , kodwa yenza ulusu lwaluphale msinya yenza nomhlaza wolusu i -melanoma
  11. I UV radiation itsho ngamandla ehlotyeni , ayikho kangako entwasahlobo , incinci ebusika .
All Competitions

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...

ADVERTISEMENT

Web Content Viewer (JSR 286)

Actions
Loading...
Complementary Content
CLOSE

Your Name:*

Your Email:*

Your Message:*

Enter Captcha:*