Zibeke ethubeni lokuphumelela amatikiti okuya kwimpolo yabahlobo ngokuphula phula isikhululo sakho kusasa de kube ngorhatya mihla le. Eli cham lenzelwe abantwana kunye nabadala.
Kanti ungawelwa ngumqa esandleni, uzibeke nasethubeni lokuphumelela amatikiti e – VIP utsho ukhuphe amalungu amathathu osapho nalapho uzakube ugudlana khona imihlana nabasasazi bakho obathandayo, iimvumi, uphinde ufote nabo.
Ungazihluphi ngendlela yokufika kwimpolo yabahlobo kunye nendawo yokulala; isikhululo sakho sizakuzithathela kuso ezo njengenxalenye yokubhiyozela ukuzalwa kwethu.
Ukuze uxhamle hlala uphula phule isikhululo sakho ukusukela ngentsimbi yesithandathu kusasa de ibe yintsimbi yesithandathu ngorhatya.
NgoMvulo umhla we 22 ku May sizakutsala emnqwazini omnye wabo bebesoloko bephumelela.
Kukho imimiselo nemiqathango
#ImpoloYabahlobo #UnomhloboMhlobo