Siyaqhubekeka ngokukubhiyozela iminyaka eyi 60 isikhululo sakho. Xhamla nawe kweli cham le R60 000 mphula phuli ngokuthi ushicilele ividiyo yakho usenza umbongo (poem) ongokugqiba koMhlobo Wenene FM iminyaka eyi 60 ukulamaza omoya, lo mbongo mayibe yi - vidiyo eyimizuzwana engamashumi amathandathu (60 seconds) kwaye ube ngolwimi lwesi Xhosa.
Ukusuka ngoMvulo umhla we 15 ku June de kube ngoLwesihlanu umhla we 19 June 2020 ngentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda, xhoma i - video yakho kwi Facebook page yoMhlobo Wenene FM ukuze ukhuphisane nabanye. Ii - video ezintathu ezithandwe kakhulu (ezinee likes ezininzi ukutsho) zizakufumana isixa semali ngokulandelelana kwazo. Ungayishiyi I # ethi #Unomathotholowakho#UWFM60
Unomhlobo Mhlobo 88 – 106 fm
Kukho imimiselo nemiqathango